-
-
Xhosa
-
-
1
|Zacarías 8:1|
Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi,
-
2
|Zacarías 8:2|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeZiyon; ndinekhwele, ndinobushushu obukhulu ngayo.
-
3
|Zacarías 8:3|
Utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iZiyon; ndiya kuhlala ke phakathi kweYerusalem, kuthiwe iYerusalem ngumzi wenyaniso; nentaba kaYehova wemikhosi kuthiwe yintaba engcwele.
-
4
|Zacarías 8:4|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuhlala amadoda amakhulu neentokazi ezinkulu ezitratweni zaseYerusalem, elowo ephethe umsimelelo wakhe ngesandla, ngenxa yobudala babo;
-
5
|Zacarías 8:5|
zizale izitrato zomzi ngamakhwenkwe namantombazana, edlala ezitratweni zawo.
-
6
|Zacarías 8:6|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba kuyinto engummangaliso emehlweni amasalela aba bantu ngaloo mihla, kuya kuba yinto engummangaliso yini na nasemehlweni am? utsho uYehova wemikhosi.
-
7
|Zacarías 8:7|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubasindisa abantu bam elizweni lokuphuma kwelanga, naselizweni lokutshona kwalo.
-
8
|Zacarías 8:8|
Ndobazisa, bahlale phakathi kweYerusalem, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa.
-
9
|Zacarías 8:9|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla, ephuma emlonyeni wabaprofeti, ababekho mhlenikweni yasekwayo indlu kaYehova wemikosi, itempile, ukuze yakhiwe.
-
10
|Zacarías 8:10|
Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7