-
-
Xhosa
-
-
1
|Zacarías 3:1|
Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase.
-
2
|Zacarías 3:2|
Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?
-
3
|Zacarías 3:3|
UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa.
-
4
|Zacarías 3:4|
Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo.
-
5
|Zacarías 3:5|
Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi.
-
6
|Zacarías 3:6|
Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,
-
7
|Zacarías 3:7|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.
-
8
|Zacarías 3:8|
Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo.
-
9
|Zacarías 3:9|
Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye.
-
10
|Zacarías 3:10|
Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7