-
-
Xhosa
-
-
11
|Zacarías 8:11|
Ngoku ke andiyi kuba njengokwemihla yamandulo kumasalela aba bantu; utsho uYehova wemikhosi.
-
12
|Zacarías 8:12|
Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlise ilifa amasalela abantu.
-
13
|Zacarías 8:13|
Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndenjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.
-
14
|Zacarías 8:14|
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Njengoko ndankqangiyelayo ukwenza ububi kuni, oko ooyihlo bandenza ndaba noburhalarhume, utsho uYehova wemikhosi, andazohlwaya ke:
-
15
|Zacarías 8:15|
ngokunjalo ndibuye ndankqangiyela ngale mihla ukwenza okulungileyo kwiYerusalem, nakwindlu kaYuda; musani ukoyika.
-
16
|Zacarías 8:16|
Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu.
-
17
|Zacarías 8:17|
Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova.
-
18
|Zacarías 8:18|
Ezinye iintlanga ziya kumfuna uYehova Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,
-
19
|Zacarías 8:19|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Uzilo lweyesine inyanga, nozilo lweyesihlanu, nozilo lweyesixhenxe, nozilo lweyeshumi, luya kuba yimihlali, nemivuyo, namaxesha emisiweyo okuchwayitha, kwindlu kaYuda; ke thandani inyaniso noxolo.
-
20
|Zacarías 8:20|
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuza izizwe, nabemi bemizi emininzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3