-
-
Xhosa
-
-
1
|Zacarías 6:1|
Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iinqwelo zokulwa zine, ziphuma phakathi kweentaba zombini; iintaba ke iziintaba zobhedu.
-
2
|Zacarías 6:2|
Enqwelweni yokuqala ibingamahashe abomvu; enqwelweni yesibini ibingamahashe amnyama;
-
3
|Zacarías 6:3|
enqwelweni yesithathu ibingamahashe amhlophe; enqwelweni yesine ibingamahashe aziingwevu ezibomvu.
-
4
|Zacarías 6:4|
Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?
-
5
|Zacarías 6:5|
Saphendula ke isithunywa, sathi kum, Le yimimoya emine esezulwini, ephuma yakuba ibizimisile ngakwiNkosi yehlabathi lonke.
-
6
|Zacarías 6:6|
Le inamahashe amnyama iphuma isiya ezweni langasentla; amhlophe aphume elandela wona; aziingwevu ezibomvu aphume esiya ezweni langasezantsi;
-
7
|Zacarías 6:7|
abomvu aphuma, efuna ukulihambahamba ihlabathi. Sathi, Hambani, nilihambahambe ihlabathi. Alihambahamba ke ihlabathi.
-
8
|Zacarías 6:8|
Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.
-
9
|Zacarías 6:9|
Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
-
10
|Zacarías 6:10|
Thabatha kwabasekuthinjweni, abaze khona bevela eBhabheli, kooHeledayi, nakooTobhiya, nakooYedaya, uye wena ngaloo mini endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7