-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Corintios 12:1|
Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningazi.
-
2
|1 Corintios 12:2|
Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako.
-
3
|1 Corintios 12:3|
Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi uyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele.
-
4
|1 Corintios 12:4|
Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye.
-
5
|1 Corintios 12:5|
Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye.
-
6
|1 Corintios 12:6|
Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke.
-
7
|1 Corintios 12:7|
Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke;
-
8
|1 Corintios 12:8|
kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya;
-
9
|1 Corintios 12:9|
wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya;
-
10
|1 Corintios 12:10|
omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10