-
-
Xhosa
-
-
21
|1 Corintios 12:21|
Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum.
-
22
|1 Corintios 12:22|
Asuka amalungu omzimba angathi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo.
-
23
|1 Corintios 12:23|
Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo.
-
24
|1 Corintios 12:24|
Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu;
-
25
|1 Corintios 12:25|
ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye;
-
26
|1 Corintios 12:26|
kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.
-
27
|1 Corintios 12:27|
Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.
-
28
|1 Corintios 12:28|
Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.
-
29
|1 Corintios 12:29|
Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na?
-
30
|1 Corintios 12:30|
Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4