-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Corintios 12:11|
Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.
-
12
|1 Corintios 12:12|
Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo.
-
13
|1 Corintios 12:13|
Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye;
-
14
|1 Corintios 12:14|
kuba nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi.
-
15
|1 Corintios 12:15|
Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, luthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?
-
16
|1 Corintios 12:16|
Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, ithi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na?
-
17
|1 Corintios 12:17|
Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?
-
18
|1 Corintios 12:18|
Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo.
-
19
|1 Corintios 12:19|
Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?
-
20
|1 Corintios 12:20|
Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10