-
-
Xhosa
-
-
9
|1 Corintios 13:9|
Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.
-
10
|1 Corintios 13:10|
Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.
-
11
|1 Corintios 13:11|
Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.
-
12
|1 Corintios 13:12|
Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.
-
13
|1 Corintios 13:13|
Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.
-
1
|1 Corintios 14:1|
Phuthumani uthando olo, nibe kodwa nizizondelela izipho ezizezoMoya, ngokukodwa ke ukuba niprofete.
-
2
|1 Corintios 14:2|
Kuba lowo uthetha ngalulwimi lumbi akathethi bantwini, uthetha kuThixo; kuba akukho namnye umvayo, kodwa ke ngomoya uthetha iimfihlelo.
-
3
|1 Corintios 14:3|
Ke yena oprofetayo uthetha ebantwini ulwakheko, noyalo, nokhuzo.
-
4
|1 Corintios 14:4|
Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla.
-
5
|1 Corintios 14:5|
Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34