-
-
Xhosa
-
-
8
|1 Corintios 16:8|
Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;
-
9
|1 Corintios 16:9|
kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.
-
10
|1 Corintios 16:10|
Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam,
-
11
|1 Corintios 16:11|
Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.
-
12
|1 Corintios 16:12|
Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.
-
13
|1 Corintios 16:13|
Phaphani, elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.
-
14
|1 Corintios 16:14|
Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.
-
15
|1 Corintios 16:15|
Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),
-
16
|1 Corintios 16:16|
ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.
-
17
|1 Corintios 16:17|
Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7