-
-
Xhosa
-
-
46
|1 Corintios 15:46|
Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya.
-
47
|1 Corintios 15:47|
Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.
-
48
|1 Corintios 15:48|
Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;
-
49
|1 Corintios 15:49|
njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.
-
50
|1 Corintios 15:50|
Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.
-
51
|1 Corintios 15:51|
Yabonani, ndinixelela imfihlelo: Okunene asiyi kulala ukufa sonke; kodwa siya kwenziwa ngakumbi sonke,
-
52
|1 Corintios 15:52|
ngesiquphe, ngephanyazo, ngexilongo lokugqibela. Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala, senziwe ngakumbi ke thina.
-
53
|1 Corintios 15:53|
Kuba kumele oku konakalayo ukwambatha ukungonakali, noku kufayo ukwambatha ukungafi.
-
54
|1 Corintios 15:54|
Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.
-
55
|1 Corintios 15:55|
Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho? Luphi na, Hadesi, uloyiso lwakho?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5