-
-
Xhosa
-
-
56
|1 Corintios 15:56|
Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
-
57
|1 Corintios 15:57|
Makubulelwe ke kuThixo osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.
-
58
|1 Corintios 15:58|
Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, qinani, ningabi nakushukuma; nihlale niphuphuma umsebenzi weNkosi, nisazi nje ukuba ukubulaleka kwenu akulambathi eNkosini.
-
1
|1 Corintios 16:1|
Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani.
-
2
|1 Corintios 16:2|
Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali.
-
3
|1 Corintios 16:3|
Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem.
-
4
|1 Corintios 16:4|
Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam.
-
5
|1 Corintios 16:5|
Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni.
-
6
|1 Corintios 16:6|
Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona.
-
7
|1 Corintios 16:7|
Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5