-
-
Xhosa
-
-
6
|1 Corintios 15:6|
Emveni kuko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.
-
7
|1 Corintios 15:7|
Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.
-
8
|1 Corintios 15:8|
Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim.
-
9
|1 Corintios 15:9|
Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.
-
10
|1 Corintios 15:10|
Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.
-
11
|1 Corintios 15:11|
Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, senjenjalo thina ukushumayela; nenjenjalo ke nina ukukholwa.
-
12
|1 Corintios 15:12|
Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?
-
13
|1 Corintios 15:13|
Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;
-
14
|1 Corintios 15:14|
ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu.
-
15
|1 Corintios 15:15|
Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angamvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21