-
-
Xhosa
-
-
26
|1 Corintios 14:26|
Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.
-
27
|1 Corintios 14:27|
Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho.
-
28
|1 Corintios 14:28|
Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.
-
29
|1 Corintios 14:29|
Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.
-
30
|1 Corintios 14:30|
Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.
-
31
|1 Corintios 14:31|
Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.
-
32
|1 Corintios 14:32|
Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;
-
33
|1 Corintios 14:33|
kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.
-
34
|1 Corintios 14:34|
Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba abavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.
-
35
|1 Corintios 14:35|
Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Salmos 106-110