-
-
Xhosa
-
-
16
|1 Corintios 15:16|
Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga.
-
17
|1 Corintios 15:17|
Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu;
-
18
|1 Corintios 15:18|
ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.
-
19
|1 Corintios 15:19|
Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.
-
20
|1 Corintios 15:20|
UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.
-
21
|1 Corintios 15:21|
Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo.
-
22
|1 Corintios 15:22|
Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:
-
23
|1 Corintios 15:23|
elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe;
-
24
|1 Corintios 15:24|
kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla.
-
25
|1 Corintios 15:25|
Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21