-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Crónicas 12:11|
nguAtayi owesithandathu; nguEliyeli owesixhenxe;
-
12
|1 Crónicas 12:12|
nguYohanan owesibhozo; nguElizabhadi owesithoba;
-
13
|1 Crónicas 12:13|
nguYeremiya oweshumi; nguMakebhanayi oweshumi elinanye.
-
14
|1 Crónicas 12:14|
Abo, koonyana bakaGadi, ibiziintloko zomkhosi. Emnye kubo engomncinane ubelilingene ikhulu; omkhulu kubo ubelilingene iwaka.
-
15
|1 Crónicas 12:15|
Ngabo abo bayiwelayo iYordan ngenyanga yokuqala, izele, ihamba phezu kweendonga zayo; bagxotha bonke abasezintilini empumalanga nasentshonalanga.
-
16
|1 Crónicas 12:16|
Kwaya aboonyana bakaBhenjamin bakaYuda emboniselweni kuDavide.
-
17
|1 Crónicas 12:17|
Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wobona uThixo woobawo bethu, ohlwaye.
-
18
|1 Crónicas 12:18|
Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho; ngokuba uya kunceda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.
-
19
|1 Crónicas 12:19|
KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza abawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wophambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke.
-
20
|1 Crónicas 12:20|
Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7