-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|1 Crónicas 12:21|
Bona bancedisana noDavide kuloo matutu; ngokuba babengamagorha anobukroti bonke, babengabathetheli emkhosini.
-
22
|1 Crónicas 12:22|
Ngokuba ngelo xesha babesiya iimini ngeemini kuDavide ukumnceda, yada yangumkhosi omkhulu, njengomkhosi kaThixo.
-
23
|1 Crónicas 12:23|
Ngawo la amanani eentloko ezaxhobela imfazwe, zeza kuDavide eHebron, ukuba buguqulelwe kuye ubukumkani bukaSawule, ngokomlomo kaYehova.
-
24
|1 Crónicas 12:24|
Oonyana bakaYuda ababephethe amakhaka nezikhali ngamawaka amathandathu anamakhulu asibhozo, exhobele imfazwe.
-
25
|1 Crónicas 12:25|
Koonyana bakaSimon, amagorha angamakroti emfazweni ngamawaka asixhenxe anekhulu.
-
26
|1 Crónicas 12:26|
Koonyana bakaLevi ngamawaka amane, anamakhulu mathandathu.
-
27
|1 Crónicas 12:27|
Ke uYehoyada waye eyinganga yama-Aron; wayenamawaka amathathu anamakhulu asixhenxe.
-
28
|1 Crónicas 12:28|
Utsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini.
-
29
|1 Crónicas 12:29|
Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi lwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule.
-
30
|1 Crónicas 12:30|
Koonyana bakaEfrayim ngamawaka amashumi mabini, anamakhulu asibhozo amagorha anobukroti, amadoda anegama ezindlwini zooyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10