-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|1 Crónicas 12:31|
Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase lishumi elinesibhozo lamawaka, ababalulwa ngamagama, ukuba baye kumenza ukumkani uDavide.
-
32
|1 Crónicas 12:32|
Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo.
-
33
|1 Crónicas 12:33|
KwaZebhulon, abaphuma umkhosi, abaxhobela ukulwa, beneentonga zonke zemfazwe, ngamashumi omahlanu amawaka, behlohla uluhlu, bengenazintliziyo zimbaxa.
-
34
|1 Crónicas 12:34|
KwaNafetali, yaba ngabathetheli abaliwaka, benamashumi amathathu anesixhenxe amawaka, aphethe amakhaka neentshuntshe.
-
35
|1 Crónicas 12:35|
KwaDan, abaxhobele imfazwe yangamashumi amabini anesibhozo amawaka, anamakhulu mathandathu.
-
36
|1 Crónicas 12:36|
Kwa-Ashere, abaphuma umkhosi, bexhobele ukulwa, yangamashumi omane amawaka.
-
37
|1 Crónicas 12:37|
Phesheya kweYordan, kwaRubhen nakwaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, beneentonga zonke zomkhosi wokulwa, yalikhulu elinamanci mabini amawaka.
-
38
|1 Crónicas 12:38|
Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide.
-
39
|1 Crónicas 12:39|
AyenoDavide apho iintsuku ezintathu, esidla esela; ngokuba abazalwana bawo baye bewalungiselele.
-
40
|1 Crónicas 12:40|
Kananjalo abakufuphi nabo, kwada kwesa kwaIsakare, nakwaZebhulon, nakwaNafetali, bazisa izonka ngamaesile, nangeenkamela, nangoondlebende, nangamaqegu, ukudla okungumgubo, nezicumba zamakhiwane nezeerasintyisi, newayini, neoli, neenkomo, nempahla emfutshane, into eninzi; ngokuba bekuvuywa kwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7