-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|1 Crónicas 21:29|
Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.
-
30
|1 Crónicas 21:30|
UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.
-
1
|1 Crónicas 22:1|
Wathi uDavide, Yiyo le indlu kaYehova uThixo; siso esi isibingelelo sedini elinyukayo sikaSirayeli.
-
2
|1 Crónicas 22:2|
Wathi uDavide, mabawomele kuye abasemzini abasezweni lakwaSirayeli; wamisa abaqingqi bokuqingqa amatye axholiweyo, okwakha indlu kaThixo.
-
3
|1 Crónicas 22:3|
UDavide walungisa isinyithi sasininzi sezikhonkwane zeengcango zamasango nesezibandakanyiso; nobhedu lwaluninzi, alwaba nakulinganiswa;
-
4
|1 Crónicas 22:4|
nemisedare engenakubalwa; ngokuba abaseTsidon nabaseTire bazisa imisedare yamininzi kuDavide.
-
5
|1 Crónicas 22:5|
Wathi uDavide, USolomon unyana wam mncinane, uthambile; ke indlu eza kwakhelwa uYehova yeyokukhulisa, inyuse igama lakhe nodumo lwakhe emazweni onke; ngoko ke ndokha ndimlungiselele. Walungisa ke kakhulu uDavide phambi kokufa kwakhe.
-
6
|1 Crónicas 22:6|
Wambiza uSolomon unyana wakhe, wamwisela umthetho wokuba amakhele uYehova, uThixo kaSirayeli, indlu.
-
7
|1 Crónicas 22:7|
Wathi uDavide kuSolomon, Nyana wam, ndandisithi entliziyweni yam, ndiya kulakhela igama likaYehova uThixo wam indlu.
-
8
|1 Crónicas 22:8|
Ke lafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, Uphalaze igazi lalininzi, wenza iimfazwe ezinkulu; akuyi kulakhela ndlu igama lam, ngokuba uphalaze igazi elininzi ehlabathini phambi kwam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13