-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|1 Crónicas 29:19|
uSolomon unyana wam umnike intliziyo ephelelisileyo, yokugcina imithetho yakho, nezingqino zakho, nemimiselo yakho, ayenze yonke, alakhe eli bhotwe ndililungiseleleyo.
-
20
|1 Crónicas 29:20|
Wathi uDavide kwibandla lonke, Khanibonge uYehova uThixo wethu. Labonga ke ibandla lonke uYehova uThixo wooyise, bathoba, baqubuda kuYehova nakukumkani.
-
21
|1 Crónicas 29:21|
Babingelela kuYehova imibingelelo, banyusa amadini anyukayo kuYehova kwakusa ngengomso, iinkunzi ezintsha zeenkomo zaliwaka, iinkunzi zeegusha zaliwaka, iimvana zaliwaka, neminikelo yawo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo emininzi, ngenxa yamaSirayeli onke.
-
22
|1 Crónicas 29:22|
Badla basela ngaloo mini phambi koYehova ngovuyo olukhulu. USolomon unyana kaDavide bamenza ukumkani ngokwesibini; bamthambisa phambi koYehova ukuba abe yinganga, noTsadoki abe ngumbingeleli.
-
23
|1 Crónicas 29:23|
Wahlala ke uSolomon etroneni kaYehova, engukumkani esikhundleni sikaDavide uyise, wanempumelelo; ambeka onke amaSirayeli.
-
24
|1 Crónicas 29:24|
Bonke abathetheli, namagorha, kwanoonyana bonke bokumkani uDavide, basilulamela isandla sikaSolomon ukumkani.
-
25
|1 Crónicas 29:25|
UYehova wamenza mkulu uSolomon, wamphakamisa emehlweni amaSirayeli onke, wamnika indili yobukumkani engabangakho kookumkani bonke bamaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
-
26
|1 Crónicas 29:26|
Ke kaloku uDavide, unyana kaYese, waye engukumkani wamaSirayeli onke.
-
27
|1 Crónicas 29:27|
Imihla awaye engukumkani kumaSirayeli ibiyiminyaka emashumi mane; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe, eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
-
28
|1 Crónicas 29:28|
Wafa ke, eyingwevu enkulu, ehambisekile ebudaleni, enobutyebi nozuko; uSolomon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10