-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|1 Crónicas 27:4|
Iqela lenyanga yesibini laliphethwe nguDodayi umAhowa, inganga yeqela lakhe inguMikeloti; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
5
|1 Crónicas 27:5|
Umthetheli wesithathu womkhosi ngenyanga yesithathu ibinguBhenaya, unyana kaYoyada umbingeleli, eyintloko; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
6
|1 Crónicas 27:6|
Ngulo Bhenaya waye eligorha kumashumi amathathu, ephethe amashumi omathathu lawo; eqeleni lakhe inguAmizabhadi unyana wakhe.
-
7
|1 Crónicas 27:7|
Owesine ngenyanga yesine ibinguAsaheli umninawa kaYowabhi, inguZebhadiya unyana wakhe emva kwakhe; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
8
|1 Crónicas 27:8|
Owesihlanu umthetheli ngenyanga yesihlanu ibinguShamuti umIzra; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
9
|1 Crónicas 27:9|
Owesithandathu ngenyanga yesithandathu ibinguIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
10
|1 Crónicas 27:10|
Owesixhenxe ngenyanga yesixhenxe ibinguHeletse umPelon, wakoonyana bakaEfrayim; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
11
|1 Crónicas 27:11|
Owesibhozo ngenyanga yesibhozo ibinguSibhekayi umHusha, wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
12
|1 Crónicas 27:12|
Owesithoba ngenyanga yesithoba ibinguAbhiyezere waseAnatoti, wakumaBhenjamin; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
13
|1 Crónicas 27:13|
Oweshumi ngenyanga yeshumi ibinguMaharayi umNetofa wakumaZera; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19