-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|1 Crónicas 26:26|
Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi.
-
27
|1 Crónicas 26:27|
Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo.
-
28
|1 Crónicas 26:28|
Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.
-
29
|1 Crónicas 26:29|
KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi.
-
30
|1 Crónicas 26:30|
KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani.
-
31
|1 Crónicas 26:31|
KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omane wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukorti eYazere yaseGiliyadi).
-
32
|1 Crónicas 26:32|
Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.
-
1
|1 Crónicas 27:1|
Oonyana bakaSirayeli ngokwenani labo, iintloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nababhali babo, ababelungiselela kukumkani emicimbini yonke yamaqela ngamaqela: angenayo naphumayo iinyanga ngeenyanga, ezinyangeni zonke zomnyaka, liqela linye, lalingamashumi amabini anamane amawaka.
-
2
|1 Crónicas 27:2|
Iqela lokuqala ngenyanga yokuqala laliphethwe nguYashobheham unyana kaZabhediyeli; eqeleni lakhe ibingamashumi amabini anamane amawaka;
-
3
|1 Crónicas 27:3|
koonyana bakaPeretse, ibinguye oyintloko yabathetheli bonke bemikhosi ngenyanga yokuqala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10