-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|1 Crónicas 28:20|
Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
-
21
|1 Crónicas 28:21|
Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke; nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.
-
1
|1 Crónicas 29:1|
Wathi uDavide ukumkani kwibandla lonke, USolomon unyana wam, okuphela konyuliweyo nguThixo, mncinane, uthambile; ke umsebenzi mkhulu, ngokuba ibhotwe eli asilelomntu, lelikaYehova uThixo.
-
2
|1 Crónicas 29:2|
Ke, ngamandla am onke indlu kaThixo wam ndiyilungisele igolide yezinto zegolide, isilivere yezesilivere, ubhedu lwezobhedu, isinyithi sezesinyithi, imithi yezemithi, namatye ebherilo, nafakwayo, namatye okuhombisa, naziimfakamfele, namatye onke anqabileyo, namatye emarmore emhlophe, into eninzi.
-
3
|1 Crónicas 29:3|
Kananjalo ekubeni ilikholo kum indlu kaThixo wam, ndinenqobo yegolide nesilivere, endiyimisele indlu kaThixo wam, engaphandle kwayo yonke endiyilungisele indlu engcwele;
-
4
|1 Crónicas 29:4|
amawaka amathathu eetalente zegolide yasegolideni yakwaOfire, amawaka asixhenxe eetalente zesilivere ehluziweyo yokwaleka iindonga zezindlu;
-
5
|1 Crónicas 29:5|
ukuba ibe yeye zinto ngezinto zegolide, ibe yeyezinto ngezinto zesilivere, ibe yeyemisebenzi yonke yesandla seengcibi. Ngubani na ke oqhutywa yintliziyo ukuzimisela namhla kuYehova?
-
6
|1 Crónicas 29:6|
Banikela ke ngokuqhutywa yintliziyo abathetheli bezindlu zooyise, nabathetheli bezizwe zakwaSirayeli, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, naba thetheli bomsebenzi wokumkani.
-
7
|1 Crónicas 29:7|
Banikela kwinkozo yendlu kaThixo igolide yaziitalente ezingamawaka amahlanu needarike ezilishumi lamawaka; nesilivere yaziitalente ezingamawaka alishumi, nobhedu lwaziitalente ezingamawaka alishumi elinesibhozo, nesinyithi saziitalente ezingamawaka alikhulu.
-
8
|1 Crónicas 29:8|
Abo ke, kwafumaneka kubo amatye anqabileyo, bawanikela ebuncwaneni bendlu kaYehova, esandleni sikaYehiyeli umGershom.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19