-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|1 Crónicas 29:9|
Bakuvuyela abantu ukunikela kwabo ngokuqhutywa yintliziyo; ngokuba banikela ngokuqhutywa yintliziyo ephelelisileyo kuYehova. Kananjalo uDavide ukumkani wavuya ngovuyo olukhulu.
-
10
|1 Crónicas 29:10|
UDavide wambonga uYehova phambi kwebandla lonke; wathi uDavide, Mawubongwe wena, Yehova, Thixo kaSirayeli, ubawo wethu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.
-
11
|1 Crónicas 29:11|
Bobakho, Yehova, ubukhulu, namandla, nozuko, noloyiso, nendili. Ewe, konke okusezulwini nokusehlabathini kokwakho; bobakho, Yehova, ubukumkani; uphakamile wayintloko yeento zonke.
-
12
|1 Crónicas 29:12|
Ubutyebi nozuko luvela kuwe, ulawula zonke izinto; asesandleni sakho amandla nobugorha; kusesandleni sakho ukukhulisa nokomeleza zonke izinto.
-
13
|1 Crónicas 29:13|
Ke ngoko, Thixo wethu, sinokubulela kuwe, sidumise igama lakho elibekekileyo.
-
14
|1 Crónicas 29:14|
Ngokuba ndingubani na mna, bangoobani na abantu bam, ukuba side sibe namandla okunika ngokuqhutywa yintliziyo njengoku? Ngokuba zivela kuwe zonke izinto; sikunika okuvele esandleni sakho.
-
15
|1 Crónicas 29:15|
Ngokuba singabaphambukeli phambi kwakho, silundwendwe njengoobawo bethu bonke; injengesithunzi imihla yethu ehlabathini apha, kungekho themba lakuhlala.
-
16
|1 Crónicas 29:16|
Yehova Thixo wethu, yonke le ngxokolo, siyilungisele ukulakhela indlu igama lakho elingcwele, ivela esandleni sakho, yeyakho yonke.
-
17
|1 Crónicas 29:17|
Ndiyazi, Thixo wam, ukuba uyayicikida intliziyo; ukholiswa kokuthe tye. Mna ke, ekuthini tye kwentliziyo yam, ndizinike ngokuqhutywa yintliziyo zonke ezi zinto. Kaloku abantu bakho aba bakhoyo apha, ndibone ngovuyo benikela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo.
-
18
|1 Crónicas 29:18|
Yehova, Thixo ka-Abraham, noIsake, noSirayeli, oobawo bethu, kugcine ngonaphakade oko ekuyileni kweengcinga zeentliziyo zabantu bakho, uyibhekise kuwe intliziyo yabo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10