-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|2 Crónicas 28:1|
UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova njengoDavide uyise;
-
2
|2 Crónicas 28:2|
wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, kananjalo wabenzela ooBhahali imifanekiso etyhidiweyo.
-
3
|2 Crónicas 28:3|
Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
-
4
|2 Crónicas 28:4|
Wabingelela waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
-
5
|2 Crónicas 28:5|
UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram; ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abasa eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
-
6
|2 Crónicas 28:6|
UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.
-
7
|2 Crónicas 28:7|
UZikri, igorha lakwaEfrayim, wabulala uMahaseya unyana wokumkani, noAzerikam inganga yendlu yakhe, noElikana onganeno kokumkani.
-
8
|2 Crónicas 28:8|
Oonyana bakaSirayeli bathimba kubazalwana babo amakhulu amabini amawaka, abafazi, noonyana, neentombi, kananjalo babaphanga amaxhoba amaninzi, bawazisa amaxhoba lawo kwaSamari.
-
9
|2 Crónicas 28:9|
Apho ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdede. Waphuma waya kukhawulela umkhosi owawusiza kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa yobushushu bukaYehova, uThixo wooyihlo, obukumaYuda, uwanikele ezandleni zenu; nibabulele ke ngomsindo ode waya kufikelela emazulwini.
-
10
|2 Crónicas 28:10|
Kaloku ke oonyana bakwaYuda neYerusalem, nithe nina niya kubanyathela, babe ngamakhoboka namakhobokazana kuni. Kodwa nina aninatyala na kuYehova uThixo wenu?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3