-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 28:11|
Ndiphulaphuleni ngoko, nibabuyise abathinjwa, enabathimba kubazalwana benu; ngokuba ukuvutha komsindo kukaYehova kuphezu kwenu.
-
12
|2 Crónicas 28:12|
Kwesuka ke amadoda akwiintloko zoonyana bakaEfrayim, ooAzariya unyana kaYohanan, noBherekiya unyana kaMeshilemoti, noHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, ema phambi kwabavela emkhosini;
-
13
|2 Crónicas 28:13|
athi kubo, Ningabazisi apha abathinjwa, ukuze sibe netyala kuYehova; nifuna ukongeza esonweni sethu nasetyaleni lethu; ngokuba, inene, likhulu ityala lethu, nokuvutha komsindo kuphezu kwamaSirayeli.
-
14
|2 Crónicas 28:14|
Abaxhobileyo babashiya ke abathinjwa namaxhoba phambi kwabathetheli nebandla lonke.
-
15
|2 Crónicas 28:15|
Asuka ke amadoda akhankanywe ngamagama, abathabatha abathinjwa, abambathisa bonke ababeze phakathi kwabo ngamaxhoba, abambathisa, abanxiba iimbadada, abadlisa, abaseza, abathambisa, abathundeza ngamaesile bonke abatyhafileyo, abasa eYeriko, kumzi wamasundu, kubazalwana babo; wona abuya aya kwaSamari.
-
16
|2 Crónicas 28:16|
Ngelo xesha ukumkani uAhazi wathumela ke kookumkani baseAsiriya ukuba baze kumnceda.
-
17
|2 Crónicas 28:17|
Ngaphezu koko eza amaEdom, abulala amaYuda, athimba abathinjwa.
-
18
|2 Crónicas 28:18|
NamaFilisti ayingenela imizi yasezintilini, neyasezantsi yakwaYuda, ayithimba iBhete-shemeshe, neAyalon, neGederoti, neSoko namagxamesi ayo, neTimna namagxamesi ayo, neGimzo namagxamesi ayo, ahlala khona.
-
19
|2 Crónicas 28:19|
Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; ngokuba wenza inyala kwaYuda, wenza ubumenemene kuYehova.
-
20
|2 Crónicas 28:20|
UTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wamfikela, wambandezela, akamomeleza;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3