-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 34:11|
bayinikela ke kwiingcibi zemithi nakubakhi, ukuba kuthengwe amatye axholiweyo, nemithi yemiqadi yokuhlanganisa, neyophahla lwezindlu, ababeziwisile ookumkani bakwaYuda.
-
12
|2 Crónicas 34:12|
Amadoda lawo ebesebenza kuloo msebenzi enyanisekile; abaphathi bawo nguYahati no-Obhadiya, abaLevi, bakoonyana bakaMerari; noZekariya noMeshulam, bakoonyana bakaKehati, abokongamela; nabaLevi bonke abo baziqondayo iimpahla zokuvuma.
-
13
|2 Crónicas 34:13|
Babephethe abathwali bemithwalo, bebongamele bonke abasebenzi bomsebenzi ngomsebenzi; abanye abaLevi babengababhali namagosa nabamasango.
-
14
|2 Crónicas 34:14|
Ekuyikhupheni kwabo imali ebiziswe endlwini kaYehova, uHilekiya umbingeleli wayifumana Incwadi yomyalelo kaYehova, eyabhalwa ngesandla sikaMoses.
-
15
|2 Crónicas 34:15|
Waphendula uHilekiya, wathi kuShafan umbhali, Ndiyifumene incwadi leyo yomyalelo endlwini kaYehova. UHilekiya wayinika uShafan le ncwadi.
-
16
|2 Crónicas 34:16|
UShafan wayizisa incwadi kukumkani; kanjako wambuyisela ilizwi ukumkani esithi, Konke obekunikelwe esandleni sabakhonzi bakho, bayakwenza;
-
17
|2 Crónicas 34:17|
bayikhuphele imali eyafumanekayo endlwini kaYehova, bayinikela esandleni sabaphathi, nasesandleni sabenzi bomsebenzi.
-
18
|2 Crónicas 34:18|
UShafan umbhali waxela kukumkani esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
-
19
|2 Crónicas 34:19|
Kwathi akuweva ukumkani amazwi omyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
-
20
|2 Crónicas 34:20|
Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya, noAhikam unyana kaShafan, noAbhedon unyana kaMika, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7