-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 34:21|
Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.
-
22
|2 Crónicas 34:22|
Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo; waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.
-
23
|2 Crónicas 34:23|
Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
-
24
|2 Crónicas 34:24|
Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiyizisela le ndawo nabemi bayo ububi, zonke iziqalekiso ezibhaliweyo encwadini, abayilesileyo phambi kokumkani wakwaYuda;
-
25
|2 Crónicas 34:25|
ngethuba lokuba bandishiyayo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.
-
26
|2 Crónicas 34:26|
Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwala mazwi uwavileyo,
-
27
|2 Crónicas 34:27|
ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.
-
28
|2 Crónicas 34:28|
Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amelulo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
-
29
|2 Crónicas 34:29|
Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
-
30
|2 Crónicas 34:30|
Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19