-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 25:11|
UAmatsiya wazomeleza, wabaqhuba abantu bakhe, waya eSihlanjeni seTyuwa, wabulala koonyana bakwaSehire ishumi lamawaka.
-
12
|2 Crónicas 25:12|
Oonyana bakaYuda balithimba elinye ishumi lamawaka lihleli; babasa encotsheni yengxondorha leyo, babaphosa phantsi encotsheni yengxondorha, badlabhuka bonke bephela.
-
13
|2 Crónicas 25:13|
Ke abomkhosi awababuyisayo uAmatsiya, ukuba bangayi naye ekulweni, bayingenela imizi yakwaYuda, bethabathela kwaSamari, besa eBhete-horon, babulala kuyo amawaka amathathu, baphanga into eninzi yamaxhoba.
-
14
|2 Crónicas 25:14|
Kwathi emva kokubuya kuka-Amatsiya ekuwabulaleni amaEdom, wezisa izithixo zoonyana bakwaSehire, wazimisa ukuba zibe zizithixo zakhe, waqubuda phambi kwazo, waqhumisela kuzo.
-
15
|2 Crónicas 25:15|
Wawutha umsindo kaYehova kuAmatsiya, wathumela umprofeti kuye, wathi kuye, Yini na ukuba uquqele izithixo zabantu ezingabahlangulanga abantu bazo esandleni sakho?
-
16
|2 Crónicas 25:16|
Kwathi esathetha naye, ukumkani wathi kuye, Sikumisile yini na ukuba ube ngumphakathi wokumkani? Yeka; yini na ukuba uzibethise. Wayeka umprofeti wathi, Ndiyazi ukuba uThixo ugqibe kwelokuba akutshabalalise, ngokuba ukwenzile oku, akwaliphulaphula icebo lam.
-
17
|2 Crónicas 25:17|
UAmatsiya ukumkani wakwaYuda wathabatha icebo, wathumela kuYowashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Khawuze siqwalaselane ngamehlo.
-
18
|2 Crónicas 25:18|
UYowashe ukumkani wamaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon ladlula, lalibhuqa ikhakakhaka elo.
-
19
|2 Crónicas 25:19|
Uthi, Yabona, ndiwabulele amaEdom; yakuphakamisa intliziyo yakho, ukuba uzizukise. Hlala kaloku endlwini yakho; yini na ukuba okunene ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe.
-
20
|2 Crónicas 25:20|
Akaphulaphula uAmatsiya; ngokuba oko kwakuphuma kuThixo, ukuze abanikele esandleni seentshaba zabo; ngokuba babequqele izithixo zakwaEdom.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7