-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|2 Crónicas 36:12|
Wenza okubi phambi koYehova uThixo wakhe, akazithoba ebusweni bukaYeremiya umprofeti, obethetha okwasemlonyeni kaYehova.
-
13
|2 Crónicas 36:13|
Kananjalo wagwilika kukumkani, kuNebhukadenetsare, obemfungise uThixo; waba ngontamo ilukuni, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze angabuyeli kuYehova, uThixo wakwaSirayeli.
-
14
|2 Crónicas 36:14|
Kananjalo bonke abathetheli bababingeleli nabantu bandisa ukwenza ubumenemene ngokwamasikizi onke eentlanga; bayenza inqambi indlu kaYehova, awayingcwalisayo eYerusalem.
-
15
|2 Crónicas 36:15|
UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.
-
16
|2 Crónicas 36:16|
Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.
-
17
|2 Crónicas 36:17|
Wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, akaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.
-
18
|2 Crónicas 36:18|
Zonke iimpahla zendlu kaThixo, ezinkulu nezincinane, nobuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bokumkani, nobabathetheli bakhe, zonke ezo zinto wazisa eBhabheli.
-
19
|2 Crónicas 36:19|
Bayitshisa indlu kaThixo, baludiliza udonga lwaseYerusalem, bawatshisa ngomlilo onke amabhotwe ayo; bazitshabalalisa zonke iimpahla zayo ezinqwenelekayo.
-
20
|2 Crónicas 36:20|
Wabafudusela eBhabheli abasindileyo ekreleni; baba ngabakhonzi kuye nakoonyana bakhe, bada bangena ubukumkani bamaPersi;
-
21
|2 Crónicas 36:21|
ukuba lizaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, lide ilizwe lanele ziisabatha zalo; ngayo yonke imihla yokuba senkangala kwalo, laphumla, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7