-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|2 Crónicas 34:22|
Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo; waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.
-
23
|2 Crónicas 34:23|
Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
-
24
|2 Crónicas 34:24|
Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiyizisela le ndawo nabemi bayo ububi, zonke iziqalekiso ezibhaliweyo encwadini, abayilesileyo phambi kokumkani wakwaYuda;
-
25
|2 Crónicas 34:25|
ngethuba lokuba bandishiyayo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.
-
26
|2 Crónicas 34:26|
Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwala mazwi uwavileyo,
-
27
|2 Crónicas 34:27|
ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.
-
28
|2 Crónicas 34:28|
Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amelulo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
-
29
|2 Crónicas 34:29|
Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
-
30
|2 Crónicas 34:30|
Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.
-
31
|2 Crónicas 34:31|
Wema ukumkani phezu kwendawo yakhe ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, ukuba enze amazwi aloo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3