-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|2 Crónicas 35:9|
UKonaniya noShemaya, noNataniyeli, abazalwana bakhe, noHashabhiya, noYehiyeli, noYozabhadi, abathetheli babaLevi, babarhumela abaLevi amawaka amahlanu amatakane angawepasika, namakhulu omahlanu eenkomo.
-
10
|2 Crónicas 35:10|
Yalungiswa ke inkonzo leyo; bema ababingeleli ezindaweni zabo, abaLevi emaqeleni abo, ngokomthetho wokumkani.
-
11
|2 Crónicas 35:11|
Bayixhela ipasika; ababingeleli bathabatha igazi ezandleni zabo, balitshiza, abaLevi bahlinza.
-
12
|2 Crónicas 35:12|
Bakususa okwamadini anyukayo, ukuba kunikelwe kwizahlulo zezindlu zooyise zoonyana babantu, kusondezwe kuYehova, njengoko kubhaliweyo encwadini kaMoses. Benjenjalo nangeenkomo.
-
13
|2 Crónicas 35:13|
Bayosa ipasika ngomlilo ngokwesiko; izinto ezingcwalisiweyo bazipheka ngeembiza, nangongxawu, nangeepani, bagidimisa koonyana bonke babantu.
-
14
|2 Crónicas 35:14|
Emveni koko bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babenyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku. Ke abaLevi bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.
-
15
|2 Crónicas 35:15|
Iimvumi, oonyana baka-Asafu, zibe zisezindaweni zazo ngokomthetho kaDavide, noAsafu, noHeman, noYedutun imboni yokumkani; nabamasango emasangweni ngamasango babengesuki enkonzweni yabo; ngokuba abazalwana babo abaLevi babebalungisela.
-
16
|2 Crónicas 35:16|
Yalungiswa ke yonke inkonzo kaYehova, ngaloo mini yokwenza ipasika, nokunyusa amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova, ngokomthetho wokumkani uYosiya.
-
17
|2 Crónicas 35:17|
Oonyana bakaSirayeli ababekho bayenza ipasika ngelo xesha, nomthendeleko wezonka ezingenagwele, imihla esixhenxe.
-
18
|2 Crónicas 35:18|
Bekungazanga kwenziwe pasika ngokwaleyo kwaSirayeli, kususela kwimihla kaSamuweli umprofeti. Ookumkani bonke bakwaSirayeli abazanga benze pasika, ngokwaloo pasika wayenzayo uYosiya, nababingeleli, nabaLevi, nawo onke amaYuda namaSirayeli abekhona, nabemi baseYerusalem.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21