-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|2 Crónicas 35:19|
Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bukaYosiya, ukwenziwa kwaloo pasika.
-
20
|2 Crónicas 35:20|
Emveni kwako konke ukuyilungisa kukaYosiya indlu leyo, kwenyuka uNeko, ukumkani waseYiputa, eza kulwa neKarkemishe ngase-Efrati; uYosiya waphuma, waya kulwa naye.
-
21
|2 Crónicas 35:21|
Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andize kulwa nawe namhla; ndize endlwini endilwa nayo; uThixo uthe mandikhawulezise; mkhwelele uThixo onam, angakutshabalalisi.
-
22
|2 Crónicas 35:22|
Ke uYosiya akabusonganga ubuso bakhe kuye; wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye; akawaphulaphula amazwi kaNeko, aphuma emlonyeni kaThixo; weza kulwa esihlanjeni saseMegido.
-
23
|2 Crónicas 35:23|
Abatoli bamtola ukumkani uYosiya; wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Ndishenxiseni, ngokuba ndingxwelerhwe kakubi.
-
24
|2 Crónicas 35:24|
Abakhonzi bakhe bamthula enqwelweni, bamkhwelisa kweyesibini inqwelo abenayo, bamsa eYerusalem; wafa, wangcwatyelwa emangcwabeni ooyise. Onke amaYuda neYerusalem amenzela isijwili uYosiya.
-
25
|2 Crónicas 35:25|
UYeremiya wamenzela isimbonono uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumikazi ezimbononweni zazo ngoYosiya, unanamhla. Bazenza ummiselo kwaSirayeli; nanzo zibhaliwe ezimbononweni.
-
26
|2 Crónicas 35:26|
Ezinye izinto zikaYosiya, nokwenza kwakhe inceba, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova,
-
27
|2 Crónicas 35:27|
nezinto zakhe ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
-
1
|2 Crónicas 36:1|
Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi, unyana kaYosiya, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise eYerusalem.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19