-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 28:21|
ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.
-
22
|2 Crónicas 28:22|
Ngexesha lokubandezelwa kwakhe waphinda wenza ubumenemene kuYehova, yena ukumkani uAhazi.
-
23
|2 Crónicas 28:23|
Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.
-
24
|2 Crónicas 28:24|
UAhazi wazihlanganisa iimpahla zendlu kaThixo, wazinqunqa iimpahla zendlu kaThixo, wazivala iingcango zendlu kaYehova. Wazenzela izibingelelo ezimbombeni zonke zaseYerusalem,
-
25
|2 Crónicas 28:25|
wenza iziganga emizini yonke ngaminye yakwaYuda, zokuqhumisela thixweni bambi; wamqumbisa uYehova uThixo wooyise.
-
26
|2 Crónicas 28:26|
Ezinye izinto zakhe, neendlela zakhe zonke ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
-
27
|2 Crónicas 28:27|
UAhazi walala kooyise, bamngcwabela kuwo umzi oyiYerusalem; ke abamzisanga emangcwabeni ookumkani bakwaSirayeli. UHezekiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
1
|2 Crónicas 29:1|
UHezekiya waba ngukumkani eminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAbhiya intombi kaZekariya.
-
2
|2 Crónicas 29:2|
Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.
-
3
|2 Crónicas 29:3|
Yena, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, ngenyanga yokuqala, wazivula iingcango zendlu kaYehova, wazilungisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7