-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|2 Crónicas 4:19|
Wazenza uSolomon zonke iimpahla zendlu kaThixo, nesibingelelo segolide, neetafile ebe zinezonka zokubonisa,
-
20
|2 Crónicas 4:20|
neziphatho ezinezibane zazo, ngegolide ethe shinyi, ukuze zivuthe ngokwesiko phambi kwendawo yezihlabo;
-
21
|2 Crónicas 4:21|
neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide, yona iyigolide eyonke;
-
22
|2 Crónicas 4:22|
nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi. Umnyango ke wendlu, iingcango zawo ezingaphakathi zengcwele kangcwele, neengcango zendlu yetempile, zaba zezegolide.
-
1
|2 Crónicas 5:1|
Wagqitywa ke wonke umsebenzi awawenzela indlu kaYehova uSolomon. USolomon wazingenisa izinto abezingcwalisile uDavide uyise, nesilivere, negolide, nempahla yonke, wazibeka ebuncwaneni bendlu kaThixo.
-
2
|2 Crónicas 5:2|
Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, nezikhulu zezindlu zooyise zakoonyana bakaSirayeli, eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide; yiZiyon ke leyo.
-
3
|2 Crónicas 5:3|
Abizelwa ndawonye kukumkani onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni lowo wenyanga yesixhenxe.
-
4
|2 Crónicas 5:4|
Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli. Bayithwala abaLevi ityeya,
-
5
|2 Crónicas 5:5|
bayinyusa ityeya, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele, ezibe zisententeni, bazinyusa ababingeleli nabaLevi.
-
6
|2 Crónicas 5:6|
Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3