-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 10:1|
Waye uAhabhi enoonyana abamashumi asixhenxe kwaSamari. Wabhala incwadi uYehu, wathumela kwaSamari kubathetheli baseYizereli, kumadoda amakhulu, nakubondli bentsapho ka-Ahabhi, wathi,
-
2
|2 Reyes 10:2|
Ngoku ke, xa ifikileyo kuni le ncwadi, bekuni nje oonyana benkosi yenu, zikuni nje iinqwelo zokulwa, namahashe, nomzi onqatyisiweyo, nezikrweqe;
-
3
|2 Reyes 10:3|
khangelani oyena ufanelekileyo, othe tye, koonyana benkosi yenu, nimbeke etroneni yoyise, niyilwele indlu yenkosi yenu.
-
4
|2 Reyes 10:4|
Boyika kakhulu kunene, bathi, Yabonani, ookumkani bebabini abemanga phambi kwakhe; sothini na ukumisa thina?
-
5
|2 Reyes 10:5|
Bathuma ophethe indlu, nophethe umzi, namadoda amakhulu, nabondli, kuYehu, bathi, Singabakhonzi bakho; konke oya kukuthetha kuthi, sokwenza; asiyi kumisa mntu abe ngukumkani; yenza ngokubona kwakho.
-
6
|2 Reyes 10:6|
Wababhalela eyesibini incwadi, esithi, Ukuba ningakum, niphulaphula izwi lam, thabathani iintloko zamadoda angoonyana benkosi yenu, nizizise kum eYizereli eli xa ngomso. Ke, oonyana bokumkani, bengamashumi asixhenxe amadoda, babekwizikhulu zomzi, ezibe zibakhulisa.
-
7
|2 Reyes 10:7|
Kwathi, yakufika kubo le ncwadi, babathabatha oonyana bokumkani, babasika bengamadoda angamashumi asixhenxe, bazibeka iintloko zabo ezingobozini, bazithumela kuye eYizereli.
-
8
|2 Reyes 10:8|
Wafika umthunywa, wamxelela, wathi, Bazizisile iintloko zoonyana bokumkani. Wathi, Zibekeni zibe ziimfumba ezimbini ngaphandle kwesango kude kuse.
-
9
|2 Reyes 10:9|
Kwathi kusasa waphuma, wema, wathi kubantu bonke, Ningamalungisa; yabonani, mna ndaceba inkosi yam, ndayibulala; ngubani na ke lo uxabele bonke aba?
-
10
|2 Reyes 10:10|
Yazini ke ngoku, ukuba akuyi kuwa phantsi nento yelizwi likaYehova, awalithethayo uYehova ngendlu ka-Ahabhi. UYehova ukwenzile ke oko wakuthethayo ngomkhonzi wakhe uEliya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10