-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 3:1|
Ke kaloku uYehoram, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, ngomnyaka weshumi elinesibhozo kaYehoshafati ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka elishumi elinamibini engukumkani.
-
2
|2 Reyes 3:2|
Wenza okubi emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoyise nanjengonina; kuba wasisusa isimiso selitye sikaBhahali, awasenzayo uyise.
-
3
|2 Reyes 3:3|
Kodwa ke wanamathela ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo.
-
4
|2 Reyes 3:4|
Ke kaloku uMesha, ukumkani wamaMowabhi, ubengumfuyi weegusha; emana embuyisela ukumkani wakwaSirayeli ngoboya bekhulu lamawaka eemvana, nekhulu lamawaka eenkunzi zeegusha.
-
5
|2 Reyes 3:5|
Kwathi ke akufa uAhabhi, wakreqa ukumkani wamaMowabhi kukumkani wamaSirayeli.
-
6
|2 Reyes 3:6|
Waphuma ke ukumkani uYehoram ngayo loo mini kwaSamari, wawabala onke amaSirayeli.
-
7
|2 Reyes 3:7|
Waya wathumela kuYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, esithi, Ukreqile kum ukumkani wakwaMowabhi; wohamba na nam siye kulwa namaMowabhi? Wathi, Ndonyuka ndiye; ndinjengoko unjalo; abantu bam banjengoko banjalo abantu bakho; amahashe am anjengoko anjalo amahashe akho.
-
8
|2 Reyes 3:8|
Wathi, Sonyuka ngayiphi na indlela? Wathi, Ngendlela ephuma entlango yakwaEdom.
-
9
|2 Reyes 3:9|
Wahamba ke ukumkani wakwaSirayeli, nokumkani wakwaYuda, nokumkani wakwaEdom. Bahamba ngendlela ezungulezayo iintsuku ezisixhenxe; awaba namanzi umkhosi kwaneenkomo ebezibalandela.
-
10
|2 Reyes 3:10|
Wathi ukumkani wamaSirayeli, Yeha, uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7