-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 4:1|
Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile. Uyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.
-
2
|2 Reyes 4:2|
Wathi uElisha kuye, Ndikwenzele ntoni na? Ndixelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.
-
3
|2 Reyes 4:3|
Wathi, Hamba uye kuzibolekela izitya ngaphandle, kubamelwane bakho bonke, izitya ezize; zingabi mbalwa;
-
4
|2 Reyes 4:4|
ungene, uzivalele wena noonyana bakho, uthululele kwezo zitya zonke, uzishenxise ezizeleyo.
-
5
|2 Reyes 4:5|
Wemka ke kuye, wazivalela, yena noonyana bakhe; bezisa kuye bona, wathulula yena.
-
6
|2 Reyes 4:6|
Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.
-
7
|2 Reyes 4:7|
Waya waxelela umfo wakwaThixo; wathi yena, Hamba uye kuthengisa ngeoli leyo, uhlawule ityala lakho, uphile wena noonyana bakho ngeseleyo.
-
8
|2 Reyes 4:8|
Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka. Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.
-
9
|2 Reyes 4:9|
Yathi endodeni yayo, Uyabona ke, ndiyaqonda ukuba lo mfo ungcwele wakwaThixo umana egqitha apha.
-
10
|2 Reyes 4:10|
Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10