-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Reyes 4:11|
Kwathi ngamhla uthile waya khona, waphambukela egumbini elo liphezulu, walala khona.
-
12
|2 Reyes 4:12|
Wathi kuGehazi umfana wakwakhe, Biza lo mShunemekazi.
-
13
|2 Reyes 4:13|
Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, usinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu.
-
14
|2 Reyes 4:14|
Wathi, Makenzelwe ntoni na? Wathi uGehazi, Inyaniso, akananyana; indoda yakhe yaluphele.
-
15
|2 Reyes 4:15|
Wathi, Mbize. Wambiza, wafika, wema emnyango.
-
16
|2 Reyes 4:16|
Wathi, Mayela neli xesha nyakenye uya kusingatha unyana. Wathi yena, Musa, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukuthetha amanga kumkhonzazana wakho.
-
17
|2 Reyes 4:17|
Wamitha ke loo mfazi, wazala unyana ngelo xesha limisiweyo lanyakenye, abelithethile uElisha kuye.
-
18
|2 Reyes 4:18|
Wakhula umntwana, kwathi ngamhla uthile, waphuma waya kuyise, kubavuni.
-
19
|2 Reyes 4:19|
Wathi kuyise, Intloko yam, intloko yam! Wathi kumfana, Mthwale, umse kunina.
-
20
|2 Reyes 4:20|
Wamthwala, wamsa kunina; wahlala emathangeni akhe, kwada kwasemini enkulu, waqhawuka ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10