-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 6:1|
Bathi oonyana babaprofeti kuElisha, Khawubone le ndawo, sihleli kuyo phambi kwakho; sixinene kuyo.
-
2
|2 Reyes 6:2|
Makhe siye eYordan, sizithabathele khona elowo umqadi ube mnye, sizenzele khona indawo yokuhlala. Wathi, Yiyani.
-
3
|2 Reyes 6:3|
Wathi omnye, Makukholeke kuwe ukuhamba nabakhonzi bakho. Wathi, Ndiya kuhamba.
-
4
|2 Reyes 6:4|
Wahamba nabo. Bathi bakufika eYordan, bagawula imithi.
-
5
|2 Reyes 6:5|
Kwathi, omnye ewisa umqadi, intsimbi yeyela emanzini; wakhala, wathi, Yoo, nkosi yam! ibibolekiwe.
-
6
|2 Reyes 6:6|
Wathi umfo wakwaThixo, Iwe phi na? Wambonisa loo ndawo. Wanqumla uluthi, waluphosa khona. Yadada intsimbi.
-
7
|2 Reyes 6:7|
Wathi, Yithabathe. Wasolula isandla sakhe, wayithabatha.
-
8
|2 Reyes 6:8|
Ke kaloku ukumkani wama-Aram wayesilwa namaSirayeli, wacebisana nabakhonzi bakhe, esithi, Kuya kuba sekuthini, nasekuthini, apho ndolalisa khona.
-
9
|2 Reyes 6:9|
Wathumela umfo wakwaThixo kukumkani wakwaSirayeli, esithi, Zigcine, ungegqithi kulaa ndawo; ngokuba ama-Aram ehla khona.
-
10
|2 Reyes 6:10|
Ukumkani wamaSirayeli wathumela kuloo ndawo, abemxelele yona umfo wakwaThixo, embonisa; wazikhusela khona, akwaba kanye nakabini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7