-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Reyes 6:11|
Yabhabhama intliziyo yokumkani wakwa-Aram yiloo nto; wabiza abakhonzi bakhe, wathi kubo. Anindixeleli na ukuba ngubani na kuthi apha, ongakukumkani wakwaSirayeli?
-
12
|2 Reyes 6:12|
Wathi omnye wakubakhonzi bakhe, Asisithi, nkosi yam kumkani; ke nguElisha, umprofeti okwaSirayeli, oxelela ukumkani wamaSirayeli amazwi owathetha usengontsini yakho yokulala.
-
13
|2 Reyes 6:13|
Wathi, Yiyani, nikhangele apho akhona; ndithumele, ndimthabathe. Waxelelwa kwathiwa, Nanko eDotan.
-
14
|2 Reyes 6:14|
Wathumela khona amahashe, neenqwelo zokulwa, nempi eninzi; baya ebusuku, bawungqinga umzi.
-
15
|2 Reyes 6:15|
Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?
-
16
|2 Reyes 6:16|
Wathi yena, Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.
-
17
|2 Reyes 6:17|
Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.
-
18
|2 Reyes 6:18|
Behla baya kuye, wathandaza uElisha kuYehova, wathi, Khawulubethe olu hlanga ngobumfama. Wababetha ke ngobumfama, ngokwelizwi likaElisha.
-
19
|2 Reyes 6:19|
Wathi uElisha kubo, Asiyiyo indlela le, asinguwo umzi lo; ndilandeleni, ndinise kuloo ndoda niyifunayo; wabasa kwaSamari.
-
20
|2 Reyes 6:20|
Kwathi, bakufika kwaSamari, wathi uElisha, Yehova, wavule amehlo aba bantu, babone. Wawavula uYehova amehlo abo, babona. Nanku, bephakathi komzi wakwaSamari.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3