-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Reyes 7:1|
Wathi uElisha, Liveni ilizwi likaYehova. Utsho uYehova ukuthi, Eli xa ngomso iseha yomgubo ocoliweyo yoba yishekele, neeseha zombini zerhasi zoba yishekele esangweni lakwaSamari.
-
2
|2 Reyes 7:2|
Wamphendula umfo wakwaThixo umphathi-mkhosi, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli kuyo.
-
3
|2 Reyes 7:3|
Ke kaloku kwakukho amadoda amane aneqhenqa ngaphandle kwesango. Yathi enye kwenye, Sihlaleleni na apha, side sife?
-
4
|2 Reyes 7:4|
Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram. Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa.
-
5
|2 Reyes 7:5|
Asuka ngongcwalazi, aya eminqubeni yama-Aram, ada afika ekupheleni kweminquba yama-Aram. Yini le? Kusenxiweni.
-
6
|2 Reyes 7:6|
Kuba iNkosi yayiwenze umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu. Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele.
-
7
|2 Reyes 7:7|
Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo.
-
8
|2 Reyes 7:8|
Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka.
-
9
|2 Reyes 7:9|
Yathi enye kwenye, Asilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silinde kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani.
-
10
|2 Reyes 7:10|
Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifike eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10