-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Reyes 5:11|
Waba noburhalarhume uNahaman, wemka, wathi, Bonani, bendiba mna wophuma eze kum, eme anqule igama likaYehova uThixo wakhe, awangawangise isandla sakhe phezu kwale ndawo, alisuse iqhenqa.
-
12
|2 Reyes 5:12|
IAbhana neFarpare, imilambo yaseDamasko, ayilungile na, ngaphezu kwamanzi onke akwaSirayeli? Andingehlambi kuyo na, ndihlambuluke? Wajika, wahamba engumlilo.
-
13
|2 Reyes 5:13|
Bafika abakhonzi bakhe, bathetha naye, bathi, Bawo, ukuba umprofeti ubethethe into enkulu kuwe, ubungayi kuyenza yini na? Kangakanani na ke xa athi kuwe, Hlamba, uhlambuluke?
-
14
|2 Reyes 5:14|
Wehla ke, wantywila izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomfo wakwaThixo; yabuya ke inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.
-
15
|2 Reyes 5:15|
Wabuyela kumfo wakwaThixo, yena nesihlwele sakhe sonke, weza, wema phambi kwakhe, wathi, Uyabona, ndiyaqonda ngoku ukuba akukho Thixo ehlabathini lonke, kukwaSirayeli kodwa; kaloku khawamkele intsikelelo kumkhonzi wakho.
-
16
|2 Reyes 5:16|
Wathi yena, Ehleli nje uYehova, endimi phambi kwakhe, andiyi kuyamkela. Wamjoka, ukuba ayamkele; akavuma.
-
17
|2 Reyes 5:17|
Wathi uNahaman, Umkhonzi wakho akangekhe anikwe na ke umhlaba ongumthwalo woondlebende ababini? Ngokuba umkhonzi wakho akasayi kuba senza dini linyukayo nambingelelo thixweni bambi; uya kwenza kuYehova yedwa.
-
18
|2 Reyes 5:18|
Kule nto uYehova aze amxolele umkhonzi wakho: yakungena inkosi yam endlwini kaRimon, ukuba iqubude khona, yayame esandleni sam, nam ndaqubuda endlwini kaRimon: ekuqubudeni kwam ke endlwini kaRimon, aze uYehova amxolele umkhonzi wakho kuloo nto.
-
19
|2 Reyes 5:19|
Wathi kuye, Hamba unoxolo. Wemka kuye, wee qelele umganyana.
-
20
|2 Reyes 5:20|
Wathi uGehazi, umkhonzi kaElisha umfo wakwaThixo, Yabona, inkosi yam imyekile uNahaman umAram lo, ayayamkela esandleni sakhe into abeyizisile; ehleli nje uYehova, inene, ndiya kumsukela, ndithabathe intwana kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21