-
-
Xhosa
-
-
28
|2 Reyes 9:28|
Abakhonzi bakhe bamsa ngenqwelo eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe kooyise, emzini kaDavide.
-
29
|2 Reyes 9:29|
Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda.
-
30
|2 Reyes 9:30|
Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile.
-
31
|2 Reyes 9:31|
Wangena uYehu esangweni, wathi yena, Luxolo na, Zimri, wena mbulali wenkosi yakho?
-
32
|2 Reyes 9:32|
Wawaphakamisa uYehu amehlo akhe, wabheka efestileni, wathi, Ngubani na ongakum? Ngubani na? Kwalunguza ababusi ababini, abathathu.
-
33
|2 Reyes 9:33|
Wathi, Mkhahleleni phantsi. Amkhahlela phantsi; igazi lakhe lachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo.
-
34
|2 Reyes 9:34|
Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani.
-
35
|2 Reyes 9:35|
Baya kumngcwaba: abawufumana umzimba wakhe, yaba lukakayi, neenyawo, neentende zezandla kuphela.
-
36
|2 Reyes 9:36|
Babuya ke, bamxelela. Wathi, Lilizwi likaYehova elo, abelithethe ngomkhonzi wakhe uEliya waseTishbhi, lisithi, Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele esiqwengeni somhlaba saseYizereli,
-
37
|2 Reyes 9:37|
sithi isidumbu sikaIzebhele sibe njengomgquba phezu komhlaba esiqwengeni saseYizereli, kukuze kungathiwa, Lo nguIzebhele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13