-
-
Xhosa
-
-
18
|2 Reyes 14:18|
Ezinye izinto zika-Amatsiya azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
-
19
|2 Reyes 14:19|
Bamceba eYerusalem, wasabela eLakishe, Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona.
-
20
|2 Reyes 14:20|
Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela eYerusalem kooyise emzini kaDavide.
-
21
|2 Reyes 14:21|
Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubonÂ’ ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
-
22
|2 Reyes 14:22|
Yakhiwa nguye iElati, wayibuyisela kumaYuda, emveni kokuba ukumkani walalayo kooyise.
-
23
|2 Reyes 14:23|
Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mane anamnye.
-
24
|2 Reyes 14:24|
Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
-
25
|2 Reyes 14:25|
Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.
-
26
|2 Reyes 14:26|
Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, uphelile ovalelweyo, uphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli.
-
27
|2 Reyes 14:27|
UYehova akatshongo ukuthi, uya kulicima igama lamaSirayeli phantsi kwezulu; wawasindisa ke ngesandla sikaYarobheham unyana kaYehohashe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13