-
-
Xhosa
-
-
29
|2 Reyes 15:29|
Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; wabathimba, wabafudusa wabasa eAsiriya.
-
30
|2 Reyes 15:30|
UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya.
-
31
|2 Reyes 15:31|
Ezinye izinto zikaPeka, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
-
32
|2 Reyes 15:32|
Ngomnyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uYotam unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda.
-
33
|2 Reyes 15:33|
Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYerusha, intombi kaTsadoki.
-
34
|2 Reyes 15:34|
Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; wenza njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise.
-
35
|2 Reyes 15:35|
Kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. Yena walakha isango langasentla lendlu kaYehova.
-
36
|2 Reyes 15:36|
Ezinye izinto zikaYotam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
-
37
|2 Reyes 15:37|
Ngaloo mihla waqala uYehova ukuthumela kwaYuda uRetsin, ukumkani wakwa-Aram, noPeka unyana kaRemaliya.
-
38
|2 Reyes 15:38|
Walala uYotam kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13