-
-
Xhosa
-
-
9
|2 Reyes 23:9|
Kodwa ke ababingeleli abo beziganga abenyukanga beze esibingelelweni sikaYehova eYerusalem; banela ukudla izonka ezingenagwele phakathi kwabazalwana babo.
-
10
|2 Reyes 23:10|
Wayenza inqambi iTofete, esemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze kungabikho mntu umcandisa emlilweni kuMoleki unyana wakhe, nokuba yintombi yakhe.
-
11
|2 Reyes 23:11|
Wawasusa amahashe abemiselwe ilanga ngookumkani bakwaYuda, ekungeneni endlwini kaYehova, ngasegumbini likaNetan-meleki umbusi, elibe lingaphandle; wazitshisa neenqwelo zelanga ngomlilo.
-
12
|2 Reyes 23:12|
Nezibingelelo ezibe ziphezu kophahla lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, abazenzayo ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, wazidiliza ukumkani, wazikhanda kwakhona, waluphosa emlanjeni oyiKidron uthuli lwazo.
-
13
|2 Reyes 23:13|
Neziganga eziphambi kweYerusalem, ezibe zisekunene kwentaba yolonakaliso, awayethe uSolomon ukumkani wakwaSirayeli wazakhela uAshtoreti, into enezothe yamaTsidon, noKemoshe, into enezothe yamaMowabhi, noMilikom, isikizi loonyana baka-Amon, wazenza inqambi ukumkani.
-
14
|2 Reyes 23:14|
Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.
-
15
|2 Reyes 23:15|
Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isiganga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso siganga wasidiliza; wasitshisa isiganga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.
-
16
|2 Reyes 23:16|
Wabheka uYosiya, wawabona amangcwaba abekhona entabeni, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wasenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, awalimemezayo umfo wakwaThixo, owawamemezayo la mazwi.
-
17
|2 Reyes 23:17|
Wathi, Lelani na elaa litye lithe nkqampu ndilibonayo? Athi kuye amadoda aloo mzi, Lingcwaba lomfo wakwaThixo, owavela kwaYuda, wamemeza ezi zinto uzenzileyo kwisibingelelo saseBheteli.
-
18
|2 Reyes 23:18|
Wathi, Myekeni; makangashukunyiswa mntu amathambo akhe. Bawasindisa ke amathambo akhe, namathambo omprofeti owavela kwaSamari.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19