-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Éxodo 10:21|
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.
-
22
|Éxodo 10:22|
Wasolulela uMoses isandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.
-
23
|Éxodo 10:23|
Ababonana; akwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.
-
24
|Éxodo 10:24|
UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.
-
25
|Éxodo 10:25|
Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;
-
26
|Éxodo 10:26|
nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
-
27
|Éxodo 10:27|
UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula.
-
28
|Éxodo 10:28|
Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.
-
29
|Éxodo 10:29|
Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40