-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 16:1|
Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli landuluka e-Elim, lafika entlango yaseSin, ephakathi kwe-Elim, neSinayi, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesibini yokuphuma kwabo ezweni laseYiputa.
-
2
|Éxodo 16:2|
Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho.
-
3
|Éxodo 16:3|
Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.
-
4
|Éxodo 16:4|
Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.
-
5
|Éxodo 16:5|
Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.
-
6
|Éxodo 16:6|
Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa;
-
7
|Éxodo 16:7|
kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?
-
8
|Éxodo 16:8|
Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukrokra kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
-
9
|Éxodo 16:9|
Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.
-
10
|Éxodo 16:10|
Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nabo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7