-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Éxodo 16:11|
Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
-
12
|Éxodo 16:12|
Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
-
13
|Éxodo 16:13|
Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.
-
14
|Éxodo 16:14|
Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.
-
15
|Éxodo 16:15|
Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.
-
16
|Éxodo 16:16|
Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
-
17
|Éxodo 16:17|
Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
-
18
|Éxodo 16:18|
Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
-
19
|Éxodo 16:19|
Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
-
20
|Éxodo 16:20|
Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21