-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Éxodo 33:1|
Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.
-
2
|Éxodo 33:2|
Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;
-
3
|Éxodo 33:3|
niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.
-
4
|Éxodo 33:4|
Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.
-
5
|Éxodo 33:5|
Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingathi, ndinyuke phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.
-
6
|Éxodo 33:6|
Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.
-
7
|Éxodo 33:7|
Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.
-
8
|Éxodo 33:8|
Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.
-
9
|Éxodo 33:9|
Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.
-
10
|Éxodo 33:10|
Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10